











;


'




















USHYLOCK TUTALIFE unama-24 eminyaka engathanda ukuba nabahlobo abaneminyaka ephakathi kwama-20 nama-25. Uthanda ukuphulaphula umculo wevangeli ukudlala ivolleyball. ukubhala iincwadi nokubutha. khanimbhalele ngesiNgesi okanye isiLozi ldilesi yakhe ithi PO. Box 839, Grootfontein, Namibia.

UALEX NANA OFEI unama-23
eminyaka engathanda ukubhalelwa nguye nabani na. Uthanda ukudlala ingakumbi amanqindi. ukubukela iifilim, ukuzoba nokubhala. idilesi yakhe ithi PO. Box 26, Sunyani, Ghana.

UDIVINE KUMATIA unama-22 eminyaka engathanda ukubhalelwa nguye nabani na. UDivine uthanda ukuphulaphula umculo, ukufunda, ukubhala iincwadi. ukukhenketha nokubukela iifilim. idilesi yakhe ithi P.O. Box 188 Akesombo, Ghana.

UCHUDY MBAMALU unama-22
eminyaka engathanda ukubhalelwa nguye nabani na ingakumbi abantu baseMzantsi Afrika. Uthanda ukudlala, ukukhenketha, ukubhala iincwadi, ukuphulaphula umculo, ukufunda nokubhala. Idilesi yakhe ithi: P.O. Box 445, IgboUkhlu, Anambra State, Nigeria.

UJIM. M. MGOBENI ngumfo one-18 leminyaka ongathanda ukubhalelwa ngamagqiyazana aneminyaka ephakathi kwe-16 ne-17. Uthanda ukubukela iTV nokuphulaphula umculo. Mbhaleleni ngesiPedi okanye isiNgesi nize kwincwadi yokuqala nifake ifoto. idilesi yakhe ithi Box 401, Groothoek,
0628.

USOLLY KLAAS une-18 leminyaka engathanda ukubhalelwa ngabaneminyaka ephakathi kwe-14 ne-18. Uthanda ukubonga, ukudlala ichess, ukubukela iTV neevidiyo nokuxoxa. Khanimbhalele
ngesiNgesi okanye isiBhulu. idilesi yakhe ithi 202 Jage Street, Schoongezicht, Witbank, 1035.

UESNAT MPHANTSHO THONJE
unama-24 eminyaka engathanda ukubhalelwa nguye nabani na. Uthanda ukuphulaphula umculo, ukubukela ivolleyball nokuncokola. Mbhaleleni ngesiNgesl okanye isiEsnat. Nantsi idilesi yeli gqiyazana P0 Box 60589, Ndirande, Blantyre 6, Malawi.

UJ.M. MASEKO ngumfo one-18 leminyaka ongathanda ukubhalelwa ngamagqiyazana aneminyaka ephakathi kwe-15 nama-20. Uthanda ukudlala ibhola ekhatywayo, ukufunda, ukuphulaphula umculo, ukubukela iTV nokubhala iincwadi. idilesi yakhe ithi P.O. Box 1184, Lichtenburg, 2740.

UARCHIE MPOPU ulityendyana eline-18 leminyaka elinqwenela ukubhalelwa
nguye nabani na. Uthanda ukuqubha, ukubukela iifilim, ukubutha, ukudlala ibhola yombhoxo nokuphulaphula irap, IRNB nomculo wereggae ukubhala iincwadi nokutyelela. Mbhaleleni ngesiNgesi. idilesi yakhe ithi Newman House, Gifford High School, Box 856, Bulawayo, Zimbabwe.

UOSONDU KALU unama-30 eminyaka engathanda ukubhalelwa nguye nabani na. Uthanda ukuxoxa. ukubhala, izipho, ezemidlalo, umculo neengxoxo zonqulo. idilesi yakhe ithi 171 Jubilee Road Aba, Abia State, Nigeria.

USONWABILE STAMPER ngumfo onama-22 eminyaka ongathanda ukubhalelwa ngamanenekazi aneminyaka ephakathi kwe-15 nama-30. Uthanda ukuphulaphula umculo, ibhola ekhatywayo, ukubhala iincwadi nezothando. Mbhaleleni ngesiNgesi okanye lsiXhosa. idilesi yakhe ithi P.O Box 205, Idutywa, 5000


UYAYIBONA KE INDLELA
EKULULA NGAYO
UNGAWINA
iR25 000!
KODWA XA LINGEKHO INGENELO
ELICHANE NGOKUTHE GQATHU, INGENELO
ELINEEMPOSISO EZIMBALWA LIYA KUWINA





KUQALA, FUNDA APHA
 NGOKUNGENELA iBona WORD PUZZLE YETHU UYA KUBA UNCEDA ABANTU ABANINZI. Kunjalo kanye, imali oyithumelayo iya ebhankini, ize ke isetyenziswe ekuncedeni abantu bakowethu
kwilizwe liphela. isetyenziswa ekwakheni iipaki zokudlalela. ekuthumeleni abantwana esikolweni, ekwakheni amagumbi okufundela, nakwezinye izinto ezininzi ngokunjalo. Ngoko oko ke, khumbula. uya kuba unceda abanye abantu.
*UYA KUBA UYAZINCEDA NAWE. Kulungile ke, le puzzle iya kukunceda ekufundeni isiNgesi. Ukuba unegama ongalaziyo, buza kumhlobo wakho ukuba lithetha ntoni na, okanye ke ulikhangele kwisichazi-magama. Uya kumangaliswa yindlela isiNgesi sakho esiya kuya siphucuka ngokuphucuka ngayo. Kanti ngaphezulu. unokuwina isityhwentywe seMALI


OMAWU KWENZE
Kuqala, jonga kwikhasi elilandelayo. Ubona ikhuphoni neepuzzle ezintathu, ziyafana zonke? Kulungile ke, inye kuzo liNGENELO, kwaye ukuba ujonga ngaphaya kwikhasi, uya kufumana amanye amangenelo amane. Ngoku ke, uyayibona na indlela ipuzzle eyenziwe ngayo yazizivakalisi ezingama-20, namagama amabini okanye amathathu kwizibiyeli kwindawo ethile nje kwisivakalisi ngasinye? Ngoku ke, kuphela omawukwenze kukuba ugqibe ngelona gama lilunge kweso sivakalisi kwiseti nganye yezibiyeli kwisivakalisi ngasinye uze ulibhale.ke kwizithuba ezingakwisivakalisi ngasinye, ubhala unobumba abe mnye kwibhloko nganye. Kanti ke usenokuziva ufuna ukukhetha elinye igama kwizivakalisi xa uzalisa elinye ingenelo. Kanti ke, usengawenza 1angafani onke amangenelo akho. Phofu ukuba wenza ngale ndlela unethuba elibhekele phaya lokuwina ibhaso elikhulu.. Nanku umzekelo wokuzalisa isivakalisi ngasinye:
NGENELA NGOKU!
KULUNGILE KE!
Ingenelo ngalinye olizalisayo lixabisa ama-6Oc. Lilonke ke xa uzalise lalinye kufuneka uthumele iposoda ye-60c, ukuze uthi ukuba uzalise amabini, ibe yiposoda ye-R1,20c. Ukuba ke uwazalise osixhenxe la mangenelo, kuya kufuneka uthumele iposoda ye-R4,20.
UKUTHUMELA AMANGENELO AKHO
Makhe sithi nje uzalise amangenelo amahlanu. Loo nto ke ithetha ukuba kuya kufuneka uthenge iposoda ye-R3 (ukhumbule, ingenelo ngalinye yi-60c). Ngoku ke, bhala igama lakho ne-dilesi kwikhuphoni ngezantsi kwamangenelo amathathu okugqibela ngaphaya kwikhasi uze ubhale apho nenombolo yeposoda yakho ngokunjalo. Ngoku - oku
kUBALULEKE KAKHULU. KRAZULA
IPHEPHA LEMAGAZINI LONKE NGOCOSELELO
MUSA UKUSIKA UKHUPHE NAUPHI NA KUMANGENELO
Ngoku ke, bhala ukuba iposoda yakho mayihlawulwe kW1BONA uze ke ufake iphepha elo liphuma kwiBona kunye neposoda yakho kwimvulophu enye uze uyithumele apha: Bona Word Puzzfe, Box 3204& Mobeni, 4O6O. Ungawaposi nge-rejista amangenelo akho, kunoko, sebenzisa loo mali yerejista ngokuzalisa amanye amangenelo. uze uqinisekise ukuba amangenelo akho uwaposa kakuhle phambi komhla wokuvalwa kolu khuphiswano ongulo:

AGASTI 29. 1997

Ungawathumela amangenelo abe maninzi kangangoko uthanda, iikopi ezifotiweyo kunye nezinye ikopi ezifanelekileyo ziya kwamkelwa. Amangenelo axabisa ama-60c lilinye kunjalonje kufuneka akhatshwe yiposodo yemali epheleleyo. Amangenelo afunyenwe engenamali akasayi kwamkeleka. iiposoda mazingakhroswa.
2. Amangenelo akasayi kwamkeleka ukuba ngaba omnye unobumba ubhalwe phezu komnye okanyo xa nawaphi na amagama engafundeki.
3. Akakho oya kugqitha ngaphaya kwezigqibo zabagwebl.
4. Nabani na angolungenela. ngaphandle kwabasebenzl base-Republican Press kunye neentsapho zabo ezikufutshane.
5. Naliphi na ingenelo elifika kuthi emva komhla wokuvala alisayi kusiwa so. Asisayi kuba notyalo ngeefomu zokungenela ezilahlekayo okanye ezifika emva komhla wokuvala.
6. Ukuba akakho owine mpela, ibhaso lentuthuzelo elingama-R5000 liya kunikwa umntu othumele ingenelo eliphantse lachana. Ukuba kukho abantu abangaphezu komnye kwibhaso elikhulu okanye kwelentuthuzelo imali iya kwabiwa ngokulinganayo.
7. Igama okanye amagama abaphumelele kwiWord Puzzle No5 aya kukhutshwa kushicilelo luka-Novemba 1997 lweBona.
8. Amabhaso akukhutshelwa kuphela abakwindawo ezisebenzisa iiRandi eziyimali yoMzantsi Afrika.
9. Abantu abaphumelele kwiWord Puzzle kufuneka bavume ukufotwa.
10. Amabhaso angalandwanga ngabanini bawo de kwaphela iinyanga eziyi-6 abasayi kuwafumana.

Khumbula, kuya kubakho iWord Puzzle entsha kwiBona yenyanga elandelayo. ekunika elinye ithuba lokuwina ibhaso elikhulu esandleni.


OKUNGAPHAKATHI
Amanqaku emfundo akuTyhila Ufunde aveliswa yiMedia-inEducation neStreet Law Project. Amanqaku ahlelwa nguUna Seery. I-DTP nokuVeliswa kwayo kwenziwa nguDave Cockburn. Umfanekiso ongaphandle ufotwe ngabakwa Sally Giles, Suzy Bernstein & Natal Newspapers.Illustrations by Gill Nicolson.

Bafundi abathandekayo
Ndiqinisekile uninzi lwenu lubonile ukuba uTyhila Ufunde utshintshile. Esi sihlomelo sahlukile, kukho amanqaku amatsha ukanti namakhasi aphungulwe.
Asibanga naxesha laneleyo lokuqhagamshelana nani bafundi malunga nolu tshintsho. Kungako ngoku sisebenzisa eli thuba. Nicinga ntoni ngokutsha esikwenzileyo? Ngaba nifuna ukubona amanye amanqaku kweli candelo? Ngaba kufanele uTyhila Ufunde abe namakhasi amaninzi?
Khanisibhalele nisixelele Iimbono zenu ziya sinceda ekucebeni emakuphume kwesi sihlomelo Zisinceda sibafumane abaxhasi besi sihlomelo.





UKHUPHISWANO
Nali ithuba lakho lokuzuza ibhayisikili yomntwana.
Phendula lo mbuzo ulula ongezantsi Umbuzo: Sixelele umbutho onokuwufowunela noluncedo xa udlwengulwe. lmpendulo                          lgama- - -----------------------

Idilesi -------------------------------                             

Ubudala-----------------------------------

Thumela le khuphoni uyincamathisele 
Ukufunda Ukubhala
Nokufunda
Ukutyelela lndawo
Imisebenzi
Ukushicilela Okufundisayo

Ungcelele Lwesondo
Esingakuthandi

Better English
Learning from Newspapers

Umthetho
Ukufuna Uhlawulwe

Okuqhubeka
Emfundweni
lmfundo Yomntu Wonke!

Isingxengxezo ngeSunlight Dishwashing Liquid
Kushicilelo lukaJune besinenqaku elithi Ukuthenga Ngobulumko neliye la-chaza ngeSunlight Dishwashing Liquid. Ukuze silungise ekungenzeka bekungavakali kweli nqaku, okulandelayo kuthunyelwe ngabakwaLever Ponds ukuze ucacelwe.

  IILETA EZUZILEYO
Amadoda Acoca Imizi

Namhlanje, abasetyhini benza imisebenzi emihle kunamadoda. Ngoxa ndikuncoma okwenziwe ngabasetyhini, ndibuhlungu kokwe-nzeke emadodeni.
Esi sihlomelo sibhalwe kwiphepa esiliphiwe ngabakwaMondi Paper


Siyakuvuyela kakhulu ukufumana iileta zenu Khumbulani ukuba uTyila Ufunde uhlawula I-R50 ngeleta enomdla. Bhalani ke. Hlalani phantsi nisibhalele Kule nyanga kukho umntu osithumelele umfanekiso obalisa ibali. Nawe unako ukusithumelela elakho ibali lomfanekiso. Ukuba unengxaki, siza kwenza unakonako wokukuphendulela yona! Bhalani nithi TYHILA UFUNDE, MEDIA-IN-EDUCATION,
PO. BOX 756,
Newtown,2113.
Abasetyhini banokulindela njani ukuba amadoda awo acoce umzi, apheke ukutya aze enze ivasi imihla ngemihla enyangeni? Noko oku kukuwangcungcuthekisa. Amalungelo alinganayo abangela amadoda angaphangeli abe ngamakhoboka ngoxa abafazi bawo bephila ubomi obuphucukileyo.
Ngokwezakwalizwi indoda ijongwa iyintloko yosapho. Enoba ayisebenzi okanye iyagula, inkasikazi ikhethe indoda yayo kwaye loo ndoda iye yamlobola. Obu bubuntu.
O Mwakutuya Chuenespoort

Umthetho awukuvumeli ukucalulwa ngo-kwesini. Ngaba uyavumelana noMthetho okanye uxhasa okuthethwa nguMnu Mwakutuya? Ngaba abasetyhini abasebe-nzayo bafanele bafindela amadoda abo angaphangeli enze umsebenzi wendlu? Ngaba nina mabhinqa beningawenzi loo msebenzi okweminyaka? Sibhaleleni nivakalise izimvo zenu.
Umhleli

Ootitshala naBafundi
lnkosikazi yam ifunda eHola-Pondo High School kanti mna
ndisebenza egaraji. Apho ifunda khona ootitshala bakhe bamxelele ukuba alibale ngam kuba andamkeli mali incumisayo. Bazamile ukumphimisa bemxelela ukuba baza kumnika imali eninzi.
lnkosikazi yam indixelele ngabakwenza-yo, ndiyile kumakhaya ezi titshala ukuze ndizilumkise. Zindixelele ukuba azisayi kuphinda ze-njenjalo. Zide zathi ziya kundigadela yona esikolweni.
Ndithanda ukucela urhulumente anqande ootitshala bangakwenzi oku. Oku kuluncedo kubafundi eziko-lweni.
nguN.E.M.,
eGivani




lSunlight Dishwashing Liquid -Ukwenza Ukhetho Oluhle

Ukuthenga isepha yokuhtamba izitya nengamanzi kunokuxaka kule mihta. Malunga neSunlight Dishwashing Liquid nazi ii-ngongoma ezimbalwa ukuze wenze ukhetho usazi. lSunlight igama elithenjiweyo lemveliso kwaye akuyosepha yexabiso eliphantsi onokuyithenga, iyaco-cisisa ukanti xa uyithengile igekh ube nesikrokro ngemati yakho.
lSunlight inamandla..kuyati-
nga ukuthenga iimvefiso ze-xabiso eliphantsi kodwa okwe-
xabiso efiphantsi akuthethi ukuba wonge imati. Xa uthenge
isunlight Dishwashing Liquid unokuzuza lukhulu kuba xa unayo usebenzisa nje ama-thontsi okanye ithonzi elinoku-hlamba okuninzi. Oku kuthetha ukuba ibhotile yeSunlight
AYIKHAWULEZI IPHELE
njengezinye iibhotile ezinesepha engamanzi yokuhlamba izitya.

Isunlight iyacocisisa... kuba isunlight inezithako zokucoci-
sisa, nogwebu lwayo
alukhawulezi luphele. Olu gwebu
tucocisisa amafutha nokutya okutsheleyo xa bekubhakwa, ishiya izitya zakho zimenyezela, zinempilo.
ISunlight iyonga...iSunlight
Dishwasing Liquid ophinda uyigcwalise ikongela imali. Yigcine le bhotife yeSunlight xa iphelile uze uphinde uyigcwalise xa kufuneka.
ISunlight dishwashing liquid
tigama elithandwayo eMzantsi Afrika. Ithandwa kakhulu ngenxa yendlela eseberiza ngayo. lthontsi nethontsi leSunfight Dishwashing Liquid fikubangela ungayikhaleli imali yakho.





		

